ISEBE LEZEMPILO
IZINTO EZITYIWAYO, IZINTO ZOKUCHOKOZA UMZIMBA NOMTHETHO WEZIBULALA-NTSHOLONGWANE, 1972 (UMTHETHO 54 KA-1972)
IMIMISELO ENXULUMANA NEETYHEFU ZOLWANDLE
UmPhathiswa wezeMpilo, ngokwecandelo 15 lezinto ezityiwayo, izinto zokuchokoza umzimba nomThetho weziBulala-ntsholongwane, 1972 (UmThetho No. 54 ka-1972), owenze imimiselo eboniswe kuLudwe lwenkqubo.
ULUDWE LWENKQUBO
Iinkcazelo
Kule mimiselo "UmThetho" uthetha iziNto ezityawayo, iziNto zokuchokoza umzimba nomThetho weziBulala-ntsholongwane, 1972 (UmThetho No. 54 ka-1972), kwaye nayiphi na imbonakalo apho intsingiselo ithe yanikelwa umThetho fanele inyamezele loo ntsingiselo yaye, ngaphandleni kokuba imeko ibonisa ngenye indlela-
iityhefu zolwandle" zithetha izinto ezinengozi eziveliswa zizinto ezithile eziphilayo zolwandle eziyintlanganisela yesilwanyana saselwandle esineqokobhe;
Ungcoliseko" luthetha nayiphi na into nangona ingongezwanga ngenjongo ekutyeni, ekhona kukutya okunjalo ngenxa yemveliso (kubandakanywa nemisebenzi eyenziwe lulimo lesilimo neyeza lemfuyo), ukwenza , inkqubo, ukulungisa, ukunyanga, ukupakisha, ukuthutha, okanye ukulawula ukutya okunjalo okanye ngenxa yongcoliseko olusingqongileyo, kwaye alubandakanyi iintwana zesinambuzane, uboya besikrekrethi nezinye izinto zangaphandle;
Jikelele
1 Malunga nenjongo yecandelo 21bi womThetho, isilwanyana saselwandle esineqokobhe neemveliso zesilwanyana saselwandle esineqokobhe ngenxa yoko zicingwa ukuba zingcolisekile, zimdaka, okanye zonakele ukuba ityhefu elandelayo idlulisa kunyino olulinganiswayo xa kulinganiswa ngeendlela ezichaziweyo ngaphantsi kwesihlomelo kule mimiselo okanye nayiphi na indlela eyamkelweyo elinganayo.
Iimveliso zesilwanyana saselwandle esineqokobhe Unyino a Isilwanyana saselwandle esineqokobhe 0,8mg/kg*
ilinganiswe njengesaxitoxin elingana negram enye yenyama yesilwanyana saselwandle esineqokobhe esinokutyiwa
Ezinye iindlela ezilungisiweyo zezizwe zinokusetyenziswa njengenye okanye iindlela ezifezekisayo kwiindlela zokuvavanya zebhayoloji, ukuba ukuzalisekisa kwazo kunikeza umgangatho olinganayo wokhuseleko lwempilo yoluntu.
ISIHLOMELO
Iindlela zokuvavanyela ityhefu kwisilwanyana saselwandle esineqokobhe
Uluhlu lubonisa izincomo zeendlela zokuvavanya ezichaziweyo (uluhlu ll) lweetyhefu kuluhlu l
Ityhefu
Indlela yokuvavanya
Isilwanyana saselwandle esineqokobhe esingenakuncedwa esinetyhefu
Isilwanyana saselwandle esineqokobhe esi-Amnesic esinetyhefu
